Eyemfuduko 9:26-35 Ibhayibhile (XHO96)

26. Kanti ke eGoshen, umhlaba wamaSirayeli, zange sifike isichotho.

27. Ukumkani ke wathumela buphuthu-phuthu, wathi makubizwe uMosis noAron, waza wathi kubo: “Ngoku ndiyavuma, ndonile mna nabantu bam; uNdikhoyo yena akaphazamanga.

28. Khawuncede umbongoze uNdikhoyo. Kwanele ngoku – ezi ndudumo nemibane zisongamele! Ndiza kunikhulula ndingaphozisanga maseko!”

29. Waphendula uMosis wathi: “Nje ukuba ndiphume apha esixekweni, ndiya kuzolulela kuNdikhoyo izandla zam, sitsho sithothe isiphango, sinqamke isichotho, khon' ukuze uqonde ukuba lelikaNdikhoyo ihlabathi liphela.

30. Kambe ke wena namaphakathi akho ndiyanibona ukuba anikamqondi uNdikhoyo uThixo.”

31. Umqhaphu nerhasi zavuthuluka zatshabalala. Kaloku irhasi yona kwakuxa ihlanzayo; umqhaphu ke wona kuxa udubulayo.

32. Kanti ke ingqolowa nehabile zange zonakale, kuba zazisephantsi.

33. Akumka ke uMosis kwakumkani, ephumile nasesixekweni, waphakamela kuNdikhoyo ngomthandazo. Ngoko nangoko sathotha isiphango, yapheza nemvula.

34. Uthe ke ukumkani akubona ukuba sithothile isiphango nemvula inqamkile, waphindela ukona oku; kuba waphinda waqaqadeka, wankaniza, yena ngokunjalo namaphakathi akhe.

35. Ewe, wankaniza wala ukuwakhulula amaSirayeli ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.

Eyemfuduko 9