Eyemfuduko 9:15-32 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ukuba bendithanda ngesendisolule isandla sam, ndanitshayela ngesibetho, nanyamalala emhlabeni.

16. Kodwa ke ndisaniyekile, kuba ndifuna ukunibonisa ubungangamsha bam, luze luthi nodumo lwam lunwenwe ehlabathini liphela.

17. Njengokuba usazingca nje, ungavumi ukubakhulula abantu bam,

18. uyabona ke, ngomso ngeli xesha ndiya kuthumela isitshu sesichoto esingazanga sabonwa nanini na ezimbalini zeJiputa.

19. Ngoko ke thumela iye kuqokelelwa yonke imfuyo yakho, ivalelwe, khon' ukuze isinde. Kaloku ukufika kwaso yonke into ephandle, umntu kwanesilwanyana, iya kutshabalala.’ ”

20. Ke kaloku loo maphakathi kakumkani ayenevuso ngenxa yomlomo kaNdikhoyo, athumela amakhoboka, yaqokelelwa imfuyo yawo, yavalelwa.

21. Kambe ke lawo angazange alikhathalele ilizwi likaNdikhoyo awayeka emadlelweni amakhoboka kunye nemfuyo yawo.

22. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Phakamisela isandla sakho esibhakabhakeni, ukuze kuwe isichotho kulo lonke elaseJiputa, sibethe abantu, izilwanyana, nako konke okuntshula emhlabeni.”

23. UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, waza uNdikhoyo wayivulela imibane, iindudumo, nesichotho, zatsho kwakubi kwelaseJiputa.

24. Wasithulula isichotho, yalenyeza imibane, zatsho ngenzwinini eyayingazange yabonwa ezimbalini zeJiputa.

25. Eso sichotho sageqa konke okwakuphandle, abantu, izilwanyana, izityalo, kunye nemithi, kulo lonke elaseJiputa.

26. Kanti ke eGoshen, umhlaba wamaSirayeli, zange sifike isichotho.

27. Ukumkani ke wathumela buphuthu-phuthu, wathi makubizwe uMosis noAron, waza wathi kubo: “Ngoku ndiyavuma, ndonile mna nabantu bam; uNdikhoyo yena akaphazamanga.

28. Khawuncede umbongoze uNdikhoyo. Kwanele ngoku – ezi ndudumo nemibane zisongamele! Ndiza kunikhulula ndingaphozisanga maseko!”

29. Waphendula uMosis wathi: “Nje ukuba ndiphume apha esixekweni, ndiya kuzolulela kuNdikhoyo izandla zam, sitsho sithothe isiphango, sinqamke isichotho, khon' ukuze uqonde ukuba lelikaNdikhoyo ihlabathi liphela.

30. Kambe ke wena namaphakathi akho ndiyanibona ukuba anikamqondi uNdikhoyo uThixo.”

31. Umqhaphu nerhasi zavuthuluka zatshabalala. Kaloku irhasi yona kwakuxa ihlanzayo; umqhaphu ke wona kuxa udubulayo.

32. Kanti ke ingqolowa nehabile zange zonakale, kuba zazisephantsi.

Eyemfuduko 9