14. Kwesi sihlandlo ndiya kukuhlabanisela ngezibetho, wena namaphakathi nabantu bakho, nitsho niqonde ukuba ehlabathini liphela akakho onjengam.
15. Ukuba bendithanda ngesendisolule isandla sam, ndanitshayela ngesibetho, nanyamalala emhlabeni.
16. Kodwa ke ndisaniyekile, kuba ndifuna ukunibonisa ubungangamsha bam, luze luthi nodumo lwam lunwenwe ehlabathini liphela.
17. Njengokuba usazingca nje, ungavumi ukubakhulula abantu bam,
18. uyabona ke, ngomso ngeli xesha ndiya kuthumela isitshu sesichoto esingazanga sabonwa nanini na ezimbalini zeJiputa.
19. Ngoko ke thumela iye kuqokelelwa yonke imfuyo yakho, ivalelwe, khon' ukuze isinde. Kaloku ukufika kwaso yonke into ephandle, umntu kwanesilwanyana, iya kutshabalala.’ ”
20. Ke kaloku loo maphakathi kakumkani ayenevuso ngenxa yomlomo kaNdikhoyo, athumela amakhoboka, yaqokelelwa imfuyo yawo, yavalelwa.
21. Kambe ke lawo angazange alikhathalele ilizwi likaNdikhoyo awayeka emadlelweni amakhoboka kunye nemfuyo yawo.