12. Kambe ke uNdikhoyo, njengoko wayetshilo kwangaphambili, wamenza waneenkani ukumkani, akavuma ukuphulaphula ooMosis noAron.
13. *UNdikhoyo waphinda wathetha noMosis wathi: “Vuka kusasa ngomso, uye kukumkani, umxelele ukuba uNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthi: ‘Khulula abantu bam, baye kundikhonza.
14. Kwesi sihlandlo ndiya kukuhlabanisela ngezibetho, wena namaphakathi nabantu bakho, nitsho niqonde ukuba ehlabathini liphela akakho onjengam.
15. Ukuba bendithanda ngesendisolule isandla sam, ndanitshayela ngesibetho, nanyamalala emhlabeni.
16. Kodwa ke ndisaniyekile, kuba ndifuna ukunibonisa ubungangamsha bam, luze luthi nodumo lwam lunwenwe ehlabathini liphela.
17. Njengokuba usazingca nje, ungavumi ukubakhulula abantu bam,
18. uyabona ke, ngomso ngeli xesha ndiya kuthumela isitshu sesichoto esingazanga sabonwa nanini na ezimbalini zeJiputa.
19. Ngoko ke thumela iye kuqokelelwa yonke imfuyo yakho, ivalelwe, khon' ukuze isinde. Kaloku ukufika kwaso yonke into ephandle, umntu kwanesilwanyana, iya kutshabalala.’ ”
20. Ke kaloku loo maphakathi kakumkani ayenevuso ngenxa yomlomo kaNdikhoyo, athumela amakhoboka, yaqokelelwa imfuyo yawo, yavalelwa.
21. Kambe ke lawo angazange alikhathalele ilizwi likaNdikhoyo awayeka emadlelweni amakhoboka kunye nemfuyo yawo.
22. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Phakamisela isandla sakho esibhakabhakeni, ukuze kuwe isichotho kulo lonke elaseJiputa, sibethe abantu, izilwanyana, nako konke okuntshula emhlabeni.”
23. UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, waza uNdikhoyo wayivulela imibane, iindudumo, nesichotho, zatsho kwakubi kwelaseJiputa.
24. Wasithulula isichotho, yalenyeza imibane, zatsho ngenzwinini eyayingazange yabonwa ezimbalini zeJiputa.
25. Eso sichotho sageqa konke okwakuphandle, abantu, izilwanyana, izityalo, kunye nemithi, kulo lonke elaseJiputa.
26. Kanti ke eGoshen, umhlaba wamaSirayeli, zange sifike isichotho.