Eyemfuduko 9:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Yiya kukumkani waseJiputa, uthi kuye: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthethe wenjenje: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza.”

2. Ukuba uyala ukubakhulula,

3. uNdikhoyo uya kukohlwaya ngokuthumela isibetho esoyikekayo kwimfuyo yakho: amahashe, iidonki, iinkamela, iinkomo, iigusha, neebhokhwe.

4. Uya kuyikhetha imfuyo yamaSirayeli kweyamaJiputa. EyamaSirayeli imfuyo soze ife.

5. Le nto ke iya kwenzeka ngomso.’ ”

6. Ngengomso ke uNdikhoyo wenza njengoko wayethethile. Yonke imfuyo yamaJiputa yafa, kodwa kweyamaSirayeli zange kufe nob' ibe nye.

7. Ukumkani wathuma amadoda aye kukhangela ukuba kube njani na kwimfuyo yamaSirayeli, waza waxelelwa ukuba akufanga nale inye. Naxa kunjalo wankaniza, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli.

Eyemfuduko 9