5. Igunya endiya kuwakhupha ngalo amaSirayeli eJiputa liya kubetha aqonde amaJiputa ukuba ndinguNdikhoyo.”
6. Ke uMosis noAron bênza kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguNdikhoyo.
7. Ukuthetha kwabo nokumkani waseJiputa uMosis wayenamashumi asibhozo eminyaka, ke yena uAron emashumi asibhozo nantathu.
8. *UNdikhoyo wabayala ooMosis noAron, wathi:
9. “Xa ukumkani esithi: ‘Ndibonise ummangaliso,’ uze uthi kuAron: ‘Phosa induku yakho phambi kokumkani.’ Yojika ke ibe yinyoka.”
10. Bahamba ke uMosis noAron, baya kukumkani, benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphosa phambi kokumkani namaphakathi akhe induku yakhe, yaza yajika yayinyoka.
11. Kuthe ke kwakuba nje, ukumkani wabiza oosiyazi namaqili elaseJiputa, nabo bazijika ezabo iinduku ngemilingo yabo.
12. Ewe, baziphosa phantsi, yayileyo yajika yaba yinyoka; koko ke yona eka-Aron yasuka yaziginya zonke.
13. Kodwa ke ukumkani wenza njengoko wayetshilo uNdikhoyo, intliziyo yakhe yaqaqadeka, akabaphulaphula.
14. Ke kaloku *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Ukumkani uneenkani; akavumi ukubakhulula abantu bam.
15. Ngoko ke, phumani kusasa xa aya emlanjeni, niyokumlindela elunxwemeni lomlambo, niphethe laa nduku yayijike yaba yinyoka.
16. Thethani naye nenjenje: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere wandithuma esithi: “Khulula abantu bam, baye kundinqula entlango!” Kambe ke awukayenzi loo nto unangoku.
17. Ngoku ke uNdikhoyo uthi: “Nantsi ke into eza kukwenza ukuba uqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo” – la manzi omlambo iNayile ndiza kuwabetha ngale nduku isesandleni sam, atsho ajike abe ligazi.
18. Iintlanzi ziya kufa, umlambo utsho unuke, amaJiputa atsho awacekise amanzi eNayile.’ ”
19. UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba athi kuAron: “Thatha induku yakho, uwalekuze ngayo amanzi aseJiputa, emilanjeni, ezintlanjeni, emachibini, nasemaquleni, atsho ajike abe ligazi. Koba ligazi ke kulo lonke elaseJiputa; nditsho nasezityeni zomthi nakwezamatye.”
20. UMosis noAron benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphakamisa induku yakhe ekho ukumkani namaphakathi akhe, wawabetha amanzi omlambo iNayile, aza ke onke amanzi omlambo lowo ajika aba ligazi.