Eyemfuduko 7:5-14 Ibhayibhile (XHO96)

5. Igunya endiya kuwakhupha ngalo amaSirayeli eJiputa liya kubetha aqonde amaJiputa ukuba ndinguNdikhoyo.”

6. Ke uMosis noAron bênza kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguNdikhoyo.

7. Ukuthetha kwabo nokumkani waseJiputa uMosis wayenamashumi asibhozo eminyaka, ke yena uAron emashumi asibhozo nantathu.

8. *UNdikhoyo wabayala ooMosis noAron, wathi:

9. “Xa ukumkani esithi: ‘Ndibonise ummangaliso,’ uze uthi kuAron: ‘Phosa induku yakho phambi kokumkani.’ Yojika ke ibe yinyoka.”

10. Bahamba ke uMosis noAron, baya kukumkani, benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphosa phambi kokumkani namaphakathi akhe induku yakhe, yaza yajika yayinyoka.

11. Kuthe ke kwakuba nje, ukumkani wabiza oosiyazi namaqili elaseJiputa, nabo bazijika ezabo iinduku ngemilingo yabo.

12. Ewe, baziphosa phantsi, yayileyo yajika yaba yinyoka; koko ke yona eka-Aron yasuka yaziginya zonke.

13. Kodwa ke ukumkani wenza njengoko wayetshilo uNdikhoyo, intliziyo yakhe yaqaqadeka, akabaphulaphula.

14. Ke kaloku *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Ukumkani uneenkani; akavumi ukubakhulula abantu bam.

Eyemfuduko 7