Eyemfuduko 7:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ngoko ke ndiya kuba ngqongqo kwelaseJiputa, ndilohlwaye. Ke bona abantu bam amaSirayeli ndiya kubakhupha ngendlu yabo.

5. Igunya endiya kuwakhupha ngalo amaSirayeli eJiputa liya kubetha aqonde amaJiputa ukuba ndinguNdikhoyo.”

6. Ke uMosis noAron bênza kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguNdikhoyo.

7. Ukuthetha kwabo nokumkani waseJiputa uMosis wayenamashumi asibhozo eminyaka, ke yena uAron emashumi asibhozo nantathu.

8. *UNdikhoyo wabayala ooMosis noAron, wathi:

9. “Xa ukumkani esithi: ‘Ndibonise ummangaliso,’ uze uthi kuAron: ‘Phosa induku yakho phambi kokumkani.’ Yojika ke ibe yinyoka.”

Eyemfuduko 7