1. *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Uyabona ke, wena ndiza kukwenza ube ngathi unguThixo kukumkani waseJiputa, yena umkhuluwa wakho abe *ngumshumayeli wakho.
2. UAron uze umxelele konke endikuyalela kona, ke yena uya kubhekisa kukumkani, atsho akhulule amaSirayeli aphume emhlabeni wakhe.
3. Kambe ke ndiya kumqaqadekisa ukumkani, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli noba sendiyiphinda-phinda kangakanani na imiqondiso nemimangaliso yam kwelaseJiputa.
4. Ngoko ke ndiya kuba ngqongqo kwelaseJiputa, ndilohlwaye. Ke bona abantu bam amaSirayeli ndiya kubakhupha ngendlu yabo.
5. Igunya endiya kuwakhupha ngalo amaSirayeli eJiputa liya kubetha aqonde amaJiputa ukuba ndinguNdikhoyo.”
6. Ke uMosis noAron bênza kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguNdikhoyo.
7. Ukuthetha kwabo nokumkani waseJiputa uMosis wayenamashumi asibhozo eminyaka, ke yena uAron emashumi asibhozo nantathu.
8. *UNdikhoyo wabayala ooMosis noAron, wathi: