Eyemfuduko 6:20-23 Ibhayibhile (XHO96)

20. UAmram wathatha udade boyise uJokobhedi, owamzalela uAron noMosis. UAmram wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu anesixhenxe.

21. Oonyana bakaIzare nguKora, noNifege, noZikri.

22. Oonyana bakaUziyeli nguMishayeli, noElifazan, noSitri.

23. UAron wathatha uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, owazala uNadabhi, noAbhihu, noElazare.

Eyemfuduko 6