Eyemfuduko 40:18-32 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ukumisa kukaMosis isibingelelo wenjenje: wazimisa iziseko eendaweni zazo, wazimisa izakhelo zaso, wafaka imiqadi, wamisa neentsika.

19. Wasuka ke wayitwabulula intente yesibingelelo, wayambathisa nangesigqubuthelo sayo kanye ngokomlomo kaNdikhoyo.

20. Ngoko ke wathatha amacwecwe amabini anobungqina bomnqophiso, wawafaka kwityesi yomnqophiso. Wathatha nemiqobo, wayifaka kuloo makhonkco etyesi, waza wayivala ngesivalo sayo.

21. Emva koko wathatha ityesi yomnqophiso leyo, wayingenisa esibingelelweni, wavala ngomkhusane. Ngale ndlela ke wayivalela ityesi yomnqophiso ngokwelizwi likaNdikhoyo.

22. Ke kaloku wathatha itafile, wayingenisa esibingelelweni, wayibeka kwicala langasentla nganeno komkhusane,

23. waza wathatha isonka esinikelwe kuNdikhoyo, wasibeka phezu kwayo ngokomyalelo.

24. Wathatha nesibane, wangena naso, wasibeka kwicala langasezantsi, sajongana netafile.

25. Zimi njalo phambi koNdikhoyo wazilumeka izibane ngokomyalelo kaNdikhoyo.

26. Wangenisa iqonga legolide ngaphakathi, walibeka phambi komkhusane,

27. watshisa eso siqhumiso sivumba limnandi ngokwelizwi likaNdikhoyo.

28. Waxhoma umkhusane esangweni lesibingelelo,

29. waza wemisa iqonga lamadini apho ngasesangweni. Belisenziwa apho ke idini elitshiswayo kunye nedini leenkozo ngokomlomo kaNdikhoyo.

30. Wabeka isitya sokuhlambela phakathi kweqonga lamadini nentente yesibingelelo, waza wasizalisa ngamanzi.

31. UMosis, uAron, noonyana bakhe, babehlamba izandla neenyawo zabo apho kuloo manzi,

32. ngalo lonke ixesha bengena esibingelelweni okanye besiya kwiqonga lamadini, ngokwelizwi likaNdikhoyo.

Eyemfuduko 40