9. Xa ke benganeliseki yile miqondiso mibini, bengafuni nokukuphulaphula, uze ukhe amanzi emlanjeni iNayile, uwagalele emhlabeni; uya kubona ke aya kujika abe ligazi.”
10. Kambe ke uMosis waphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi, Mhlekazi, kaloku andizange ndibe liciko ekuthetheni; ibe ke nangoku okoko wathethayo nam, andikwazi ukuthetha; ndilithintitha.”
11. UNdikhoyo ke wathi kuye: “Kanti ngubani owenza umntu akwazi ukuthetha; ingubani omenza angakwazi, okanye abe sisithulu? Ngubani omenza abone, okanye abe yimfama? Asindim na, mna Ndikhoyo?
12. Hayi bo! Hamba, kaloku ndiya kukunceda ukwazi ukuthetha, ndiya kukufundisa oko ufanele ukukuthetha.”