Eyemfuduko 4:9-12 Ibhayibhile (XHO96)

9. Xa ke benganeliseki yile miqondiso mibini, bengafuni nokukuphulaphula, uze ukhe amanzi emlanjeni iNayile, uwagalele emhlabeni; uya kubona ke aya kujika abe ligazi.”

10. Kambe ke uMosis waphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi, Mhlekazi, kaloku andizange ndibe liciko ekuthetheni; ibe ke nangoku okoko wathethayo nam, andikwazi ukuthetha; ndilithintitha.”

11. UNdikhoyo ke wathi kuye: “Kanti ngubani owenza umntu akwazi ukuthetha; ingubani omenza angakwazi, okanye abe sisithulu? Ngubani omenza abone, okanye abe yimfama? Asindim na, mna Ndikhoyo?

12. Hayi bo! Hamba, kaloku ndiya kukunceda ukwazi ukuthetha, ndiya kukufundisa oko ufanele ukukuthetha.”

Eyemfuduko 4