40. umkhusane wenkundla, iintsika neziseko zayo; umkhusane wesango lenkundla; iintsontela nezikhonkwane zentente; nazo zonke izixhobo zentente;
41. ngokunjalo nezo zivatho zingayiwayo zinxitywa ngababingeleli kwigumbi elingcwele – ezo zivatho zizodwa zika-Aron noonyana bakhe.
42. Ewe, amaSirayeli ayenza yonke into kanye ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.
43. UMosis wawuhlola loo msebenzi, wafumanisa ukuba ngenene yonke into bayenze ngokomyalelo kaNdikhoyo. Ngoko ke wasuka wabathamsanqela.