19. Lalixhaswe ziintsika ezine, zimi ngeziseko ezikwazine zobhedu. Iintloko zeentsika wazityabeka ngesiliva, futhi namahaki nemiqadi wayenza kwangayo.
20. Zonke izikhonkwane zesibingelelo ndawonye nenkundla jikelele wazenza ngobhedu.
21. Nabu ubungakanani bezinto ezasetyenziswayo ekwakhiweni *kwesibingelelo apho kwakuhlala khona amacwecwe amabini amatye ekwakubhalwe kuwo imithetho elishumi. Uludwe olu lwagunyaziswa nguMosis, lwenziwa ngabaLevi, bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.
22. UBhezaleli unyana kaUri, umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, wenza yonke into ngokomyalelo *kaNdikhoyo.
23. Ugxa wakhe uHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki, wendlu kaDan, wayengumkroli nomyili, engumluki wamalaphu asontwe ngobugcisa: azuba, amsobo, nabomvu.
24. Iyonke igolide eyanikelwa kuNdikhoyo ngenjongo yokwakha isibingelelo yayiliwaka leekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo ovunyiweyo.
25. Yona isiliva yomnikelo wababaliweyo yayingamawaka amathathu, makhulu omane anamashumi amathathu eekhilogram ubunzima.