Eyemfuduko 37:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. Wathatha umngampunzi, wenza itafile. Yona yayingamashumi asibhozo anesibhozo eesentimitha ubude, zingamashumi amane anane ububanzi; kanti ke ukuphakama zazingamashumi amathandathu anesithandathu.

11. Wayeyityabeka ngegolide ecwengileyo, futhi wayiphetha kwangayo jikelele.

12. Ngokunjalo wayenzela ungqameko oluyijikelezileyo, lungangesandla ububanzi, waza waluphetha ngegolide jikelele.

13. Wayifakela amakhonkco amane, enziwe ngegolide, wawanxibelela ezikoneni zone apho imilenze yayifakelwe khona.

14. La makhonkco okungena imiqobo yokuphatha wawenza alungelelana nongqameko olo.

15. Ke yona imiqobo leyo wayenza ngomngampunzi, wayityabeka ngegolide.

16. Itafile leyo wayenzela izitya ngegolide: iipleyiti, iikomityi, iindebe, nezitya zokwenza idini lewayini.

17. Wathatha igolide ecwengileyo, wenza isibane. Amazantsi kunye nesiqu saso wasibumba ngegolide naso. Wasenzela izihombiso ngeentyatyambo, imidumba, namagqabi eentyatyambo; zonke ke zaba yinto enye nesibane eso.

18. Kwalapho kuso wanxibelela amasebe aso: amathathu ngapha nangapha.

Eyemfuduko 37