1. UBhezaleli wayenza ityesi yomnqophiso ngomngampunzi. Yayiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu nantandathu ububanzi kwanomphakamo wayo.
2. Wayityabeka ngegolide ngaphandle nangaphakathi, waza ke wayiphetha kwangayo jikelele.
3. Kumanqina ayo omane wayifakela amakhonkco enziwe ngegolide, amabini kweli cala, amabini kweliya.
4. Kwakhona wenza imiqobo yokuphatha, wayityabeka ngegolide,
5. wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha, ukuze ibe nokuthwalwa.
6. Wathatha igolide, wenza isivalo setyesi. Sasiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu anantandathu ububanzi.
10. Wathatha umngampunzi, wenza itafile. Yona yayingamashumi asibhozo anesibhozo eesentimitha ubude, zingamashumi amane anane ububanzi; kanti ke ukuphakama zazingamashumi amathandathu anesithandathu.
11. Wayeyityabeka ngegolide ecwengileyo, futhi wayiphetha kwangayo jikelele.