Eyemfuduko 36:21-38 Ibhayibhile (XHO96)

21. Isakhelo ngasinye sasiziimitha ezine ubude neesentimitha ezingamashumi amathandathu nesithandathu ububanzi.

22. Bazenza ke zalabalaba ngapha nangapha, ukuze zibe nokuhlanganiswa. Zonke ke izakhelo zenziwa ngale ndlela.

23. Izakhelo ezo zaba ngamashumi amabini ezangezantsi.

24. Ngokunjalo bazenzela iziseko ngesiliva zamashumi mane, zazibini esakhelweni, ukuze zibambe nale ndawo ilabalabayo.

25. Amantla bawenzela izakhelo ezingamashumi amabini,

26. ngokunjalo neziseko zesiliva ezingamashumi amane, zazibini esakhelweni.

27. Kwicala langasemva entshona benza izakhelo zazithandathu,

28. baza benza izakhelo zazibini ezikoneni.

29. Ezi zakhelo zeekona zaziqhagamshelwe emazantsi, zaya kuqhina phezulu. Kunjalo ke okwezi zakhelo zibini zeekona.

30. Ngoko ke zazisibhozo izakhelo, zixhaswe ngeziseko ezilishumi elinesithandathu – zizibini esakhelweni.

31. Kwakhona benza imiqadi yezakhelo ngomngampunzi. Yayimihlanu ngapha

32. nangapha, ngokunjalo nakwicala langasentshona ngasemva.

33. Lo uphakathi bawubeka esizikithini, wasuka ngapha waya kuthi ngqu ngaphaya.

34. Izakhelo ezo bazityabeka ngegolide, bazinxibelela amakhonkco enziwe ngegolide apho kwakungena khona imiqadi – miqadi leyo eyayityatyekwe ngegolide nayo.

35. Baza ke bathatha imiqulu yelaphu elisontwe kakuhle, benza umkhusane. Wawuyile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Futhi ke wawuhonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, eyenziwe ngobugcisa nobunono.

36. Lo mkhusane ke wawuxhonywe kwiintsika zomngampunzi, bezityabeke ngegolide, bazenzela amahaki; zona ke zazixhaswe ngeziseko ezine zesiliva.

37. Esangweni lesibingelelo bafaka umkhusane owenziwe ngelaphu lisontwe kakuhle, linale mibala: ozuba, omsobo, nobomvu; baza ke baliqhoqhonya balihombisa ngobugcisa nobunono.

38. Lo mkhusane ke bawenzela iintsika ezintlanu, bazifakela amahaki. Iintloko zeentsika, ngokunjalo nemiqadi, bayityabeka ngegolide, baza bazenzela iziseko ezihlanu ngobhedu.

Eyemfuduko 36