1. UMosis waliqokelela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “Nantsi imiyalelo *kaNdikhoyo:
2. iintsuku zokusebenza imisebenzi yenu zintandathu evekini, kodwa lona usuku lwesixhenxe ngumhla owodwa okhethekileyo; ngumhla kaNdikhoyo, umhla wokuphumla. Nabani na ke owenza nawuphi na umsebenzi ngawo wobulawa.
3. Ngawo akunakubaswa nomlilo lo emizini yenu.”
4. UMosis waliyalela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi: “*UNdikhoyo uthi
5. wonke umntu oziva elangazelela ukunikela kuye makathathe kwinto anayo: igolide, isiliva, ubhedu,
6. nelaphu elihle, elizuba, elimsobo, nelibomvu, nelaphu loboya bebhokhwe,
7. nofele lwenkunzi yegusha olubomvu, nesikhumba esisukiweyo; nomngampunzi,
8. neoyile yezibane, nobulawu bokuqhola ioyile nokuqhola isiqhumiso sitsho sibe nevumba elimnandi;
9. amatye ekarneli namanye amatye exabiso okuhombisa *isidanga nesikhuselo-sifuba sombingeleli omkhulu.”