Eyemfuduko 34:7-13 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ukunyaniseka kwakhe akujiki nakwizizukulwana ngezizukulwana; abakhohlakeleyo nabanxaxhayo nabonayo uyabaxolela. Kambe ke abanetyala ubohlwaya ade ohlwaye nesizukulwana sabo, aye kufikelela kwesesithathu nakwesesine ngenxa yeziphoso zooyise.”

8. UMosis wasuka wee guqaqa wakhahlela;

9. wambongoza wathi: “Ukuba ngenene ukholisekile ndim, Mhlekazi, sikhaphe. Nakuba siluhlanga oluneenkani nje, buxolele ubugwenxa nesono sethu, samkele sibe lilifa lakho.”

10. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Ngoku ke ndenza umnqophiso nani. Ndiya kwenza imimangaliso engazange yenziwe ehlabathini liphela, ngokunjalo nakwizizwe zalo. Kaloku mna Ndikhoyo ndiza kwenza into erhwaqelisayo phakathi kwenu.

11. Yithobeleni imithetho endininika yona namhlanje. Xa ningenayo ndiya kuwagxotha ama-Amori, amaKanana, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

12. Ningakhe nilinge nenze izivumelwano naba bantu ningena emhlabeni wabo, kuba ngokwenjenjalo ningazifaka esigwini.

13. Ndaweni yaloo nto wadilizeni amaqonga abo amadini, niyifohloze imifanekiso yabo; ke sona *isithixo sabo uAshera ze nisityoboze.

Eyemfuduko 34