20. Andizukukubonisa ubuso bam; kaloku akukho mntu unokububona aphinde aphile.
21. Kambe ke nantsi indawo ecaleni kwam apho ungema khona phezu kweliwa.
22. Ndiya kuthi ke xa ndidlula khona ngobuqaqawuli bam, ndikufihle emfanteni yeliwa, ndize ndikugqume ngesandla ndide ndidlule.
23. Ndakuba ndidlule ke, ndiya kusisusa isandla, ukuze ube nokundibona ndifulathele, hayi ebusweni.”