Eyemfuduko 32:31-35 Ibhayibhile (XHO96)

31. UMosis waya kuNdikhoyo, wafika wathi: “Aba bantu benze isono esilumezayo. Basuke bazibumbela isithixo ngegolide, basinqula.

32. Ngoku ke ndiyakubongoza, baxolele; ukuba akunakuba njalo wosewulicima igama lam encwadini yakho oyibhalileyo.”

33. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Abantu abamagama ndiwacimayo encwadini yam, ngabo bandonileyo bodwa.

34. Ngoko ke hamba, ukhokele aba bantu, ubase kulaa ndawo ndandithethe ngayo kuwe. Ke sona isithunywa sam siya kukukhokela. Kambe ke lakufika ixesha ndiya kubohlwaya aba bantu ngenxa yesi sono.”

35. Ke kaloku uNdikhoyo wawabetha ngobhubhani wesifo amaSirayeli ngenxa yokuba amnyanzelayo uAron ukuba awenzele inkunzi yenkomo yegolide.

Eyemfuduko 32