20. Wayithatha loo nkunzi babeyibumbile, wayiphosa emlilweni, waza wayicola yangumgubo, wawugalela emanzini aselwa ngamaSirayeli.
21. UMosis wabuza kuAron wathi: “Aba bantu bakwenze ntoni na ukuze ubafake kwesinje sona isono?”
22. UAron waphendula wathi: “Ungakhathazeki, mntakwethu; kaloku nawe uyabazi aba bantu ukuba baqinel' enyaleni ngesono.
23. Basuka bathi kum: ‘Senzele uThixo oza kusikhokela, kuba asiyazi into emhleleyo laa Mosis osikhuphe eJiputa.’
24. Ndithe ke kubo: ‘Ndinikeni izinto zegolide eninazo,’ baza ke benjenjalo. Ndasuka ke ndaziphosa emlilweni, kwee gqi le nkunzi.”
25. UMosis ke waqonda ukuba uAron uvule zabhuqa, baza abantu benza unothanda, bazenza intlekisa nasezintshabeni.
26. Ngoko ke wasuka wema esangweni, wathi: “Bonke *abangakuNdikhoyo mabaphume ngapha!” Ke kaloku kwaphuma yonke indlu kaLevi,
27. waza wathi kubo: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Umntu ngamnye kuni makathathe ikrele, aqale kweli sango, aye kuphuma kweliya lingaphaya, ebinza elalis' ugodo, kumtakwabo, isihlobo, ngokunjalo nommelwane wakhe.’ ”
28. AbaLevi abo ke benza ngokwaloo myalelo, baza ke babulala amawaka amathathu amadoda ngaloo mini.
29. UMosis ke wathi kubaLevi: “Niyabona ke, namhlanje, ngokubulala abantakwenu noonyana benu, niye naba ngababingeleli bokubusa uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo unithamsanqele.”
30. Ngengomso ke uMosis wathi ebantwini: “Nenze isono esilumezayo. Naxa kunjalo ndiza kuphinda ndiye entabeni kuNdikhoyo, ukuze ndenze isingxengxezo ngenxa yesono senu.”
31. UMosis waya kuNdikhoyo, wafika wathi: “Aba bantu benze isono esilumezayo. Basuke bazibumbela isithixo ngegolide, basinqula.
32. Ngoku ke ndiyakubongoza, baxolele; ukuba akunakuba njalo wosewulicima igama lam encwadini yakho oyibhalileyo.”
33. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Abantu abamagama ndiwacimayo encwadini yam, ngabo bandonileyo bodwa.