Eyemfuduko 32:18-20 Ibhayibhile (XHO96)

18. UMosis waphendula wathi: “Kum le ntsholo ingathi asiyiyo eyoloyiso, okanye ukoyiswa; ivakala ngathi yeyeziyolo nje.”

19. Uthe ke uMosis akuba kufuphi, ebone loo nkunzi yenkomo, ngokunjalo nabantu beduda bexhentsa, suka wasisifu ngumsindo. Apho kanye phantsi kwentaba wasuka wawalahla phantsi loo macwecwe wayewaphethe, aphuka.

20. Wayithatha loo nkunzi babeyibumbile, wayiphosa emlilweni, waza wayicola yangumgubo, wawugalela emanzini aselwa ngamaSirayeli.

Eyemfuduko 32