13. Khawukhumbule izicaka zakho, uAbraham, uIsake, noSirayeli. Kaloku wazifunga kwawena siqu, usithi: ‘Inzala yenu ndiya kuyandisa, ibe ninzi njengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni. Eli lizwe ndinithembise ngalo liya kuba lilifa lezizukulwana zenu ngonaphakade.’ ”
14. Ngenene ke *uNdikhoyo wabuya nganeno kuloo ntlekele wayethe uza kubahlisela yona abantu bakhe.
15. UMosis ke wehla apho entabeni, ewaphethe loo macwecwe mabini amatye abhalwe ubungqina bomnqophiso macal' omabini.
16. La macwecwe ke ayengumsebenzi kaThixo ncakasana, nombhalo lowo wawukrolwe nguye ngenkqu.
17. Akuyiva ingxolo yabantu bekhwaza, uYoshuwa wabhekisa kuMosis wathi: “Ndiva intsholo esikhululweni ngathi lifile.”
18. UMosis waphendula wathi: “Kum le ntsholo ingathi asiyiyo eyoloyiso, okanye ukoyiswa; ivakala ngathi yeyeziyolo nje.”
19. Uthe ke uMosis akuba kufuphi, ebone loo nkunzi yenkomo, ngokunjalo nabantu beduda bexhentsa, suka wasisifu ngumsindo. Apho kanye phantsi kwentaba wasuka wawalahla phantsi loo macwecwe wayewaphethe, aphuka.
20. Wayithatha loo nkunzi babeyibumbile, wayiphosa emlilweni, waza wayicola yangumgubo, wawugalela emanzini aselwa ngamaSirayeli.
21. UMosis wabuza kuAron wathi: “Aba bantu bakwenze ntoni na ukuze ubafake kwesinje sona isono?”
22. UAron waphendula wathi: “Ungakhathazeki, mntakwethu; kaloku nawe uyabazi aba bantu ukuba baqinel' enyaleni ngesono.
23. Basuka bathi kum: ‘Senzele uThixo oza kusikhokela, kuba asiyazi into emhleleyo laa Mosis osikhuphe eJiputa.’
24. Ndithe ke kubo: ‘Ndinikeni izinto zegolide eninazo,’ baza ke benjenjalo. Ndasuka ke ndaziphosa emlilweni, kwee gqi le nkunzi.”
25. UMosis ke waqonda ukuba uAron uvule zabhuqa, baza abantu benza unothanda, bazenza intlekisa nasezintshabeni.
26. Ngoko ke wasuka wema esangweni, wathi: “Bonke *abangakuNdikhoyo mabaphume ngapha!” Ke kaloku kwaphuma yonke indlu kaLevi,
27. waza wathi kubo: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Umntu ngamnye kuni makathathe ikrele, aqale kweli sango, aye kuphuma kweliya lingaphaya, ebinza elalis' ugodo, kumtakwabo, isihlobo, ngokunjalo nommelwane wakhe.’ ”