Eyemfuduko 30:33-38 Ibhayibhile (XHO96)

33. Nabani na owenza amafutha afana nawo, okanye osebenzisa la mafutha mntwini wumbi ungengombingeleli, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

34. *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha umlinganiselo ofanayo wezi ntlobo zobulawu: isitakate, ionirha, igalbhano, nentlaka yokuqhumisa yoqobo.

35. Yenza ngazo umxube wesiqhumiso esivumba liyolileyo. Sithi saa ityiwa, sihlambuluke sibe nyulu.

36. Thatha inxalenye yaso, uyicole ibe ngumgubo, ungene nayo *esibingelelweni, uyibeke phambi kwetyesi yomnqophiso apho ndiya kuhlangana khona nawe. Esi siqhumiso masihlonipheke; sinyulu.

37. Ningaze nithathe imigqaliselo yalo mxube waso nizenzele esenu. Siphatheni ngentlonipho, sibe sesam ndedwa.

38. Nabani na ozenzele isiqhumiso esifana naso, okanye osebenzisa esi njengesiqholo, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

Eyemfuduko 30