8. ngoku ke ndihlile ukuze ndibahlangule esandleni samaJiputa, ndibakhulule baphume kwelo lizwe, baye kwilizwe elihle eliphangaleleyo, eliphuphuma ubisi nobusi. Elo ke lelamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.
9. Kaloku isikhalo samaSirayeli side saza kufikelela kum, ibe ke ndiyibonile nengcinezelo aphantsi kwayo esandleni samaJiputa.
10. Hamba ke; ndikuthuma kukumkani waseJiputa, ukuze ubakhokele baphume eJiputa abantu bam amaSirayeli.”
11. UMosis wathi kuThixo: “Kuxa ndingubani mna ukuba ndingade ndiye kukumkani ukuze ndikhuphe amaSirayeli eJiputa?”
12. UThixo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. Nanku umqondiso wokuba uthunywa ndim: mhla wabakhupha abo bantu eJiputa noza kundinqula mna Thixo apha kule ntaba.”
13. UMosis wabuza wathi: “Ukuba ndiyile ke kumaSirayeli, ndawaxelela ukuba ndithunywe kuwo nguThixo wookhokho bawo, aza wona andibuza ukuba ngubani igama lakhe, ze ndithini?”
14. UThixo waphendula wathi: “Ndinguye uNdikhoyo. Uze uwaxelele amaSirayeli ukuba uthunywa nguNdikhoyo.”
15. UThixo waqhuba wathi: “Uze uthi kumaSirayeli: ‘Ndithunywa *nguNdikhoyo, uThixo wookhokho benu: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.’ Kaloku eli ligama lam nanini nanini; ndaye ke ndiya kubizwa ngalo nazizizukulwana ezizayo.
16. Ngoko ke hamba uwaqokelele amadoda amakhulu amaSirayeli, uthi kuwo: ‘Ndimbonile uNdikhoyo, uThixo wookhokho benu, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi; uthe: “Ndinijongile ndayibona imeko enikuyo apha eJiputa;
17. ngoku ke ndizimisele ukunikhulula kule mbandezelo yaseJiputa, ndinise kwilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi; nditsho ilizwe elivuza ubisi nobusi.” ’
18. “Ukuba ke utshilo kubo baya kukuphulaphula. Wena ke uya kuthatha amadoda amakhulu amaSirayeli, niye kukumkani waseJiputa, nithi kuye: ‘Sibonene noNdikhoyo uThixo wamaHebhere; ngoku ke siyakubongoza ukuba ukhe usikhulule, sithathe uhambo lweentsuku ezintathu, siye entlango, sibingelele simenzele idini uNdikhoyo Thixo wethu.’