2. Apha kulapho sabonakalayo kuye isithunywa *sikaNdikhoyo etyholweni elidangazela umlilo. Uthe ke akuqwalasela uMosis wabona ukuba okunene ityholo liyavutha, kodwa alide litshe.
3. Wathetha yedwa wathi: “Makhe ndisondele ndibone lo mhlola! Ngani ukuba ityholo lingatshi?”
4. *UNdikhoyo wathi akubona ukuba uMosis uyasondela efuna ukuqonda lo mbono, wamkhwaza esetyholweni apho, wathi: “Mosis! Mosis!”Wasabela ke yena wathi: “Ewe, ndim lo.”
5. UThixo wathi kuye: “Sukusondela; khulula iimbadada ezo, kuba le ndawo umi kuyo yindawo eyodwa.” Wandula wathi uThixo kuye: