32. Baya kuyithatha ke bayitye kunye nesaa sonka besisele ebhaskitini, bayityele apho esangweni lesibingelelo.
33. Ke zona eziya ndawo ziseleyo xa bekusenziwa idini lokungxengxeza ekumiselweni kwabo, baya kuzitya. Kambe ke ngababingeleli bodwa abanelungelo lokukutya oku kutya, kuba kunyulu.
34. Inyama okanye isonka esiseleyo kwada kwakusasa, mazitshiswe, zingàtyiwa; kaloku zinyulu.
35. “Uyabona ke lo msitho wokumisela uAron noonyana bakhe mawube ziintsuku ezisixhenxe njengoko ndakuyalelayo.
36. Mini nganye ke uya kwenza idini lokungxengxezela izono ngenkunzi yenkomo ibe nye. Ngokwenjenjalo uya kuhlambulula iqonga lamadini, uze ke ngokunjalo ulithambise ngeoyile libe nyulu.
37. Uya kwenjenjalo ke iintsuku zibe sixhenxe. Xa kunjalo ke iqonga lamadini liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo, aze athi nabani na okanye nantoni na elichukumisayo ibe nyulu nayo.”
38. “Ukusukela ngoku, yonke imihla yenza idini ngamaxhwane amabini phaya kwiqonga lamadini.
39. Thatha elinye kusasa, lize eli liseleyo libe lelasemalanga.
40. Kweli lakusasa nikela nomgubo wengqolowa wodidi oluphambili, ube yikhilogram enye ubunzima, uwudibanise nelitha enye yamafutha omnquma acwengileyo. Yenza idini ngelitha yewayini.
41. Nakweli lasemalanga idini sebenzisa umgubo, amafutha, kunye newayini, kwangalaa ndlela wenze ngayo kusasa. Eli ke lidini elitshiswayo – litsho ngevumba eliyolileyo *kuNdikhoyo.
42. Ukusukela ngoku eli dini litshiswayo mandilenzelwe phaya esangweni *lesibingelelo. Kaloku apho kulapho ndiya kuhlangana khona nabantu bam, ndithethe nawe khona.
43. Ewe, ndiya kuhlangana khona namaSirayeli; baye ubuqaqawuli bam buya kuyitsho loo ndawo ibe yekhethekileyo.
44. Ndiya kusenza nyulu isibingelelo ndawonye neqonga lamadini. Ke yena uAron noonyana bakhe ndiya kubachonga ukuze babe ngababingeleli bam.
45. Ndiya kuhlala phakathi kwamaSirayeli, ndibe nguThixo wawo.
46. Kananjalo ke aya kundiqonda ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo owawakhulula eJiputa, ukuze ndihlale phakathi kwawo. Ngenene ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”