27. “Xa kumiselwa umbingeleli incum nomlenze waloo nkunzi yegusha isetyenzisiweyo zingumnikelo kum, omawubekelwe bucala, ube sisabelo sababingeleli.
28. Lo ke ngummiselo wam ongasoze uthini. Nanini na abantu bam besenza idini lobudlelwane, incum nomlenze sisabelo sababingeleli; ngoko sisipho esinikelwa kuNdikhoyo.
29. “Xa engasekho uAron, izivatho zakhe zobubingeleli ziya kunikwa oonyana bakhe, banxitywe zona mhla bethanjiswa bemiselwa.
30. Lo nyana ka-Aron ungena esikhundleni sakhe asebenze *esibingelelweni endaweni engcwele, wonxitywa ezi zivatho iintsuku zibe sixhenxe.
31. “Inyama leyo yenkunzi yegusha amiselwa ngayo uAron noonyana bakhe wòyiphekela endaweni enyulu.
32. Baya kuyithatha ke bayitye kunye nesaa sonka besisele ebhaskitini, bayityele apho esangweni lesibingelelo.
33. Ke zona eziya ndawo ziseleyo xa bekusenziwa idini lokungxengxeza ekumiselweni kwabo, baya kuzitya. Kambe ke ngababingeleli bodwa abanelungelo lokukutya oku kutya, kuba kunyulu.
34. Inyama okanye isonka esiseleyo kwada kwakusasa, mazitshiswe, zingàtyiwa; kaloku zinyulu.
35. “Uyabona ke lo msitho wokumisela uAron noonyana bakhe mawube ziintsuku ezisixhenxe njengoko ndakuyalelayo.
36. Mini nganye ke uya kwenza idini lokungxengxezela izono ngenkunzi yenkomo ibe nye. Ngokwenjenjalo uya kuhlambulula iqonga lamadini, uze ke ngokunjalo ulithambise ngeoyile libe nyulu.
37. Uya kwenjenjalo ke iintsuku zibe sixhenxe. Xa kunjalo ke iqonga lamadini liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo, aze athi nabani na okanye nantoni na elichukumisayo ibe nyulu nayo.”
38. “Ukusukela ngoku, yonke imihla yenza idini ngamaxhwane amabini phaya kwiqonga lamadini.
39. Thatha elinye kusasa, lize eli liseleyo libe lelasemalanga.