Eyemfuduko 29:24-35 Ibhayibhile (XHO96)

24. Zibeke ezandleni zika-Aron noonyana bakhe, baziwangawangise, bandenzele ngazo umnikelo owodwa.

25. Kamva ke uya kuzithatha kubo, uzitshise ndawonye nedini elitshiswayo. Elo ke lidini elivumba liyolileyo kuNdikhoyo – kaloku lidini elitshiswayo.

26. “Ke kaloku uya kuthatha incum yale nkunzi yegusha, uyiwangawangise, uyenze umnikelo kum. Kambe ke esi iya kuba sisabelo sakho.

27. “Xa kumiselwa umbingeleli incum nomlenze waloo nkunzi yegusha isetyenzisiweyo zingumnikelo kum, omawubekelwe bucala, ube sisabelo sababingeleli.

28. Lo ke ngummiselo wam ongasoze uthini. Nanini na abantu bam besenza idini lobudlelwane, incum nomlenze sisabelo sababingeleli; ngoko sisipho esinikelwa kuNdikhoyo.

29. “Xa engasekho uAron, izivatho zakhe zobubingeleli ziya kunikwa oonyana bakhe, banxitywe zona mhla bethanjiswa bemiselwa.

30. Lo nyana ka-Aron ungena esikhundleni sakhe asebenze *esibingelelweni endaweni engcwele, wonxitywa ezi zivatho iintsuku zibe sixhenxe.

31. “Inyama leyo yenkunzi yegusha amiselwa ngayo uAron noonyana bakhe wòyiphekela endaweni enyulu.

32. Baya kuyithatha ke bayitye kunye nesaa sonka besisele ebhaskitini, bayityele apho esangweni lesibingelelo.

33. Ke zona eziya ndawo ziseleyo xa bekusenziwa idini lokungxengxeza ekumiselweni kwabo, baya kuzitya. Kambe ke ngababingeleli bodwa abanelungelo lokukutya oku kutya, kuba kunyulu.

34. Inyama okanye isonka esiseleyo kwada kwakusasa, mazitshiswe, zingàtyiwa; kaloku zinyulu.

35. “Uyabona ke lo msitho wokumisela uAron noonyana bakhe mawube ziintsuku ezisixhenxe njengoko ndakuyalelayo.

Eyemfuduko 29