Eyemfuduko 28:38-40 Ibhayibhile (XHO96)

38. Eli cwecwe ke liya kuthi nca ebunzi kuAron, khon' ukuze mna *Ndikhoyo ndiwamkele amadini amaSirayeli, nangona angade abe nempazamo xa anikelayo. Ewe, eli cwecwe malibe sebunzi kuye lonke ixesha. Ngokwenjenjalo abantu bam amaSirayeli baya kuhlala bamkelekile kum.

39. “UAron uze umthungele ihempe ngelaphu elisontwe ngobugcisa. Uze umenzele iqhiya kwangelo laphu, ngokunjalo nomxwayo ohonjiswe waqhoqhonywa ngobona bugcisa.

40. “Oonyana baka-Aron benzele iminweba nemixwayo neminqwazi, ukuze babe nesidima nomfaneleko.

Eyemfuduko 28