27. Ngokukwanjalo yenza amanye amakhonkco abe mabini ngegolide, uwanxibelele kumazantsi emixwayo yesidanga ngaphambili, kude kufuphi kodwa ngaphezu kwalaa bhanti ithungwe ngobugcisa nobuchule.
28. Amakhonkco esikhuselo-sifuba wadibanise namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ukuze isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.
29. “Ngoko ke xa uAron engena egumbini elingcwele makanxibe esi sikhuselo-sifuba sinamagama ezindlu zikaSirayeli, ukuze mna *Ndikhoyo ndingaze ndibalibale abantu bam.
30. Kwalapho kwisidanga faka *iiurim neethumim, ukuze uAron ahambe nazo xa esiza kum. Ewe, ngala maxesha makanxibe isikhuselo-sifuba, ukuze asoloko enako ukuyiqonda intando yam mayela namaSirayeli.”
31. “Ke wona umnweba ophezu *kwesidanga mawulukwe ube lilaphu elizuba.