Eyemfuduko 28:21-30 Ibhayibhile (XHO96)

21. Kuya kubakho amatye alishumi elinambini. Kwilitye ngalinye ke kokrolwa igama lomnye woonyana bakaYakobi abamele izindlu zakwaSirayeli.

22. Isikhuselo-sifuba masibe namatsheyini amabini aphothwe ngemingqa yegolide.

23. Kwiikona zaso zangasentla nxibelela amakhonkco amabini egolide,

24. uze ke uqhinele la matsheyini mabini kuwo.

25. Kambe ke la macala mabini amatsheyini aseleyo orhintyela kwezaa zipeliti zibini, ukuze ngolo hlobo abhijele ngaphambili aye kuqhagamshela kwimixwayo yesidanga.

26. Kwakhona ke yenza amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele phaya kwezaa kona zaso zingezantsi ngaphakathi phezu kwesidanga.

27. Ngokukwanjalo yenza amanye amakhonkco abe mabini ngegolide, uwanxibelele kumazantsi emixwayo yesidanga ngaphambili, kude kufuphi kodwa ngaphezu kwalaa bhanti ithungwe ngobugcisa nobuchule.

28. Amakhonkco esikhuselo-sifuba wadibanise namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ukuze isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.

29. “Ngoko ke xa uAron engena egumbini elingcwele makanxibe esi sikhuselo-sifuba sinamagama ezindlu zikaSirayeli, ukuze mna *Ndikhoyo ndingaze ndibalibale abantu bam.

30. Kwalapho kwisidanga faka *iiurim neethumim, ukuze uAron ahambe nazo xa esiza kum. Ewe, ngala maxesha makanxibe isikhuselo-sifuba, ukuze asoloko enako ukuyiqonda intando yam mayela namaSirayeli.”

Eyemfuduko 28