1. “Ke wena biza umkhuluwa wakho uAron noonyana bakhe: uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare. Bakhuphe kumaSirayeli, ubamisele babe ngababingeleli bam.
10. ngokokuzana kwabo, abe ngamathandathu ngamathandathu.
11-12. La magama oonyana bakaSirayeli ke makabhalwe ligcisa lomkroli. La macwecwe anala magama makaqhotyoshelwe ngesipeliti segolide kule mixwayo isemagxeni esidanga, ukuze ahlale esisikhumbuzo ngoonyana bakaSirayeli. Ngale ndlela ke uAro uya kuhlala ewathwele emagxeni la magama, ukuze abe sisikhumbuzo *kuNdikhoyo.