1. “Ke wena biza umkhuluwa wakho uAron noonyana bakhe: uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare. Bakhuphe kumaSirayeli, ubamisele babe ngababingeleli bam.
2. Umntakwenu uAron menzele izivatho zobubingeleli eziya kumtsho abe nesidima nomfaneleko.
3. Yalela abantu abanesiphiwo sobugcisa nobuchule, utsho benzele uAron izinxibo, khon' ukuze amiselwe umsebenzi wobubingeleli.
4. Mabenze isikhuselo-sifuba, *isidanga, umnweba, ihempe ehonjisiweyo, iqhiya, kunye nomxwayo. Ezo mpahla ke mabazenzele uAron nooyana bakhe, ukuze bangene kulo msebenzi uwodwa wobubingeleli.
5. Kulo msebenzi ke mabasebenzise igolide, nelaphu elizuba, elimsobo, nelibomvu; ibe ngamalaphu asontwe ngobuchule.
6. “Isidanga mabasenze ngolu hlobo: umbala ozuba, omsobo, nobomvu, basebenzise igolide nelaphu eliqhoqhonywe lahonjiswa ngobugcisa.
7. Masibe nemixwayo eqabela emagxeni, idibanise amacala aso omabini.
8. Masibe nebhanti eyenziwe kwangelo laphu layo, sibe yinto enye nje, ithungwe ngobugcisa nobuchule obukhulu.
9. Thatha amatye ekarneli abe mabini, ukrole kuwo amagama oonyana bakaSirayeli,
10. ngokokuzana kwabo, abe ngamathandathu ngamathandathu.