Eyemfuduko 26:10-29 Ibhayibhile (XHO96)

10. Yenza amarhintyelo angamashumi amahlanu emphethweni weli cala, kanti ke abe kwangako emphethweni weliya icala.

11. Thatha ubhedu, wenze amahaki angamashumi amahlanu, ukuze la macala mabini adityaniswe abe yinto enye.

12. Ke sona esi siqingatha siseleyo masijinge ngasemva phaya.

13. La mashumi mahlanu eesentimitha alabalabayo kobu bude makagqume intente macala.

14. “Kwakhona yaleke ngofele lwenkunzi yegusha olubomvu nangesikhumba esisukiweyo ngaphandle.

15. “Yenza izakhelo zokuxhasa intente leyo ngezibonda zomngampunzi.

16. Isakhelo ngasinye masibe ziimitha ezine ubude neesentimitha ezingamashumi amathandathu anesithandathu ububanzi.

17. Uze uzenze ziphume ngapha nangapha, khon' ukuze zibe nokuhlanganiswa. Ewe, zonke izakhelo mazenziwe ngolu hlobo.

18. Yenza izakhelo zangezantsi zibe ngamashumi amabini.

19. Isakhelo ngasinye masibanjwe ziziseko ezibini zesiliva, zibe ngamashumi amane zizonke.

20. Mayibe zizakhelo ezingamashumi amabini ngasentla,

21. zixhaswe ngamashumi amane eziseko zesiliva, zibe zibini esakhelweni esinye.

22. Ngasentshona izakhelo mazibe zithandathu,

23. zibe zibini ezikoneni.

24. Ezi zakhelo zeekona maziqhagamshelwe emazantsi, ziye kuqhina phezulu. Kunjalo ke okwezi zakhelo zibini zeekona.

25. Ngoko ke zoba sibhozo zixhaswe lishumi elinesithandathu leziseko zesiliva, zingambini kwenye.

26. “Yenza imiqadi ngomngampunzi; mayibe mihlanu ngapha nangapha,

27. ngokunjalo nakwicala lasentshona ngasemva.

28. Lo mqadi uphakathi mawube sesizikithini sesakhelo, unqamleze usuke ngapha uye kuthi ngqu ngaphaya.

29. Izakhelo zityabeke ngegolide, uzenzele amakhonkco ngegolide apho iya kungena khona imiqadi; kambe ke nayo uya kuyityabeka ngegolide.

Eyemfuduko 26