Eyemfuduko 26:10-15 Ibhayibhile (XHO96)

10. Yenza amarhintyelo angamashumi amahlanu emphethweni weli cala, kanti ke abe kwangako emphethweni weliya icala.

11. Thatha ubhedu, wenze amahaki angamashumi amahlanu, ukuze la macala mabini adityaniswe abe yinto enye.

12. Ke sona esi siqingatha siseleyo masijinge ngasemva phaya.

13. La mashumi mahlanu eesentimitha alabalabayo kobu bude makagqume intente macala.

14. “Kwakhona yaleke ngofele lwenkunzi yegusha olubomvu nangesikhumba esisukiweyo ngaphandle.

15. “Yenza izakhelo zokuxhasa intente leyo ngezibonda zomngampunzi.

Eyemfuduko 26