Eyemfuduko 26:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Thatha imiqulu yelaphu elisontwe ngobona buchule ibe lishumi, wenze ngayo umkhusane *wesibingelelo. La malaphu makabe yile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Makahonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko yenziwe ngobugcisa nobunono.

2. Yonke imikhusane mayilingane, ibe ziimitha ezilishumi elinambini ubude, zibe mbini ububanzi.

3. La malaphu wadibanise abe mahlanu ngamahlanu.

4. Thatha ilaphu elizuba, wenze amarhintyelo phaya emphethweni ngapha nangapha.

5. Loo marhintyelo ke makabe ngamashumi amahlanu kweli cala; kanti ke nakweliya icala makabe kwangako, alungelelane.

6. Kwangokunjalo ke thatha igolide, wenze amahaki angamashumi amahlanu, khon' ukuze la macala mabini adityaniswe, intente yesibingelelo ibe yinto enye.

7. “Isibingelelo eso ke masambathiswe ngentente eyenziwe ngoboya bebhokhwe. Yona ke mayibe yimiqulu elishumi elinanye.

8. Nayo ke mayilingane ibe ziimitha ezilishumi elinantathu, zibe mbini ke ububanzi.

9. Dibanisa imiqulu ibe mihlanu kwelinye icala, uze uphinde uyidibanise nale mithandathu iseleyo; kambe ke lo wesithandathu wona uze uwuphinde ngaphambili.

10. Yenza amarhintyelo angamashumi amahlanu emphethweni weli cala, kanti ke abe kwangako emphethweni weliya icala.

Eyemfuduko 26