9. Ke yona nempahla engaphakathi mayakhiwe ibe matwa nomzekelo endokubonisa wona.
10. “Thatha umngampunzi, wenze ityesi ngawo. Mayibe ziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude bayo, ibe ngamashumi mathandathu nantandathu ububanzi, ngokunjalo nokuphakama.
11. Yityabeke ngegolide ngaphandle nangaphakathi, futhi uyiphethe kwangegolide jikelele.
12. Thatha igolide wenze amakhonkco abe mane, uwanxibelele emanqineni etyesi abe mabini cala-nye.
13. Yenza imiqobo ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide;
14. yona ke yongena kuloo makhonkco, iphathwe ngazo ityesi.
15. Mayingakhutshwa, koko mayihlale ngolo hlobo lonke ixesha.
16. Ngaphakathi ke faka amacwecwe abubungqina bomnqophiso endiza kukunika wona.
17. “Kwakhona ke thatha igolide, wenze isivalo sibe ziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, ububanzi zibe ngamashumi amathandathu anesithandathu.
18. Thatha igolide ubumbe imifanekiso *yezithunywa ezimaphiko ibe mibini; yenze ibe nto-nye nesivalo eso,
21. Faka loo macwecwe mabini abubungqina bomnqophiso, uvale.
22. Kulapho ndiya kuhlangana nawe ke, apho phezu kwesivalo setyesi yomnqophiso, phakathi kwemifanekiso yezithunywa ezimaphiko, ndikunike yonke imiyalelo yamaSirayeli.”
23. “Thatha umngampunzi, wenze itafile ngawo. Mayibe ngamashumi asibhozo anesibhozo eesentimitha ubude; ibe ngamashumi mane anane ububanzi, kanti ke ukuphakama ibe ngamashumi amathandathu anesithandathu.
24. Yityabeke ngegolide, futhi uyiphethe kwangayo jikelele.
25. Mayijikelezwe lungqameko olububanzi bungangesandla, oluphethwe ngegolide jikelele.
26. Yenza amakhonkco egolide abe mane, abe sezikoneni phezu kwemilenze.
27. Amakhonkco okubamba imiqobo yokuthwala itafile makasondele kungqameko.