Eyemfuduko 25:19-20-30 Ibhayibhile (XHO96)

2. “Xelela amaSirayeli ukuba bonke abaziva beqhutywa yintliziyo mabakhuphe umnikelo, bawuzise kum.

3. Lo mnikelo ke mawube kwezi ndidi: igolide, isiliva, ubhedu,

4. nelaphu elizuba, nelimsobo, nelibomvu, nelaphu elicikizekileyo, neloboya bebhokhwe,

5. nofele olubomvu lwenkunzi yegusha, nofele olusukiweyo, nomngampunzi,

6. neoyile yesibane, nobulawu bokuqhola, ioyile yesiqhumiso,

7. namatye ekarneli, namanye amatye okuhombisa *isidanga sombingeleli omkhulu ngokunjalo nesikhuselo-sifuba sakhe.

8. Mabandakhele indawo eyeyam ndodwa, ukuze nam ndihlale phakathi kwabo.

9. Ke yona nempahla engaphakathi mayakhiwe ibe matwa nomzekelo endokubonisa wona.

19-20. imiswe ngapha nangapha phezu kwaso, ijongene; athi ke loo maphiko athe naa asigubungele isivalo eso.

21. Faka loo macwecwe mabini abubungqina bomnqophiso, uvale.

22. Kulapho ndiya kuhlangana nawe ke, apho phezu kwesivalo setyesi yomnqophiso, phakathi kwemifanekiso yezithunywa ezimaphiko, ndikunike yonke imiyalelo yamaSirayeli.”

23. “Thatha umngampunzi, wenze itafile ngawo. Mayibe ngamashumi asibhozo anesibhozo eesentimitha ubude; ibe ngamashumi mane anane ububanzi, kanti ke ukuphakama ibe ngamashumi amathandathu anesithandathu.

24. Yityabeke ngegolide, futhi uyiphethe kwangayo jikelele.

25. Mayijikelezwe lungqameko olububanzi bungangesandla, oluphethwe ngegolide jikelele.

26. Yenza amakhonkco egolide abe mane, abe sezikoneni phezu kwemilenze.

27. Amakhonkco okubamba imiqobo yokuthwala itafile makasondele kungqameko.

28. Yenza imiqobo leyo ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide.

29. Yenza iipleyiti, iikomityi, iindebe, nezitya zokusetyenziswa xa kusenziwa idini lewayini. Kambe ke zonke ezi zinto mazenziwe ngegolide.

30. Kule tafile makusoloko kukho isonka esinikelwa kuThixo.”

Eyemfuduko 25