Eyemfuduko 24:8-18 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ke kaloku uMosis wathatha elaa gazi lalisesityeni, wafefa ngalo abantu, esithi: “Eli gazi litywina umnqophiso awenze nani uNdikhoyo mhla waninika le miyalelo.”

9. UMosis, uAron, uNadabhi, noAbhihu, kunye namashumi asixhenxe amadoda amakhulu, benyuka intaba,

10. baza bambona uThixo kaSirayeli. Iinyawo zakhe zaziphezu komgangatho welitye elibuglasirha eliluhlaza okwesibhakabhaka.

11. Kambe ke uThixo zange awase sandla la matshawe akwaSirayeli; bambona baza batya basela.

12. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Nyuka uze kum apha entabeni, uhlale; ndiza kukunika amacwecwe amatye endiyibhale kuwo imithetho nemiyalelo omawuyifundise amaSirayeli.”

13. UMosis wanduluka ke nehlakani lakhe uYoshuwa; ke yena uMosis wenyuka intaba kaThixo.

14. Wathi kumadoda amakhulu: “Lindani kule ndawo side sibuye. Nâba uAron noYuri; wonke umntu onomcimbi makawandlale phambi kwabo bawuphicothe.”

15. Ngenene ke uMosis wenyuka intaba, laza lona ilifu layambathisa intaba leyo.

18. Ke kaloku uMosis wenyuka intaba, waya kungena apho efini. Wahlala apho iintsuku ezimashumi mane.

Eyemfuduko 24