11. Kambe ke uThixo zange awase sandla la matshawe akwaSirayeli; bambona baza batya basela.
12. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Nyuka uze kum apha entabeni, uhlale; ndiza kukunika amacwecwe amatye endiyibhale kuwo imithetho nemiyalelo omawuyifundise amaSirayeli.”
13. UMosis wanduluka ke nehlakani lakhe uYoshuwa; ke yena uMosis wenyuka intaba kaThixo.