Eyemfuduko 24:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku *uNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Nyuka, wena noAron, uNadabhi noAbhihu, kunye namashumi asixhenxe amadoda amakhulu akwaSirayeli. Nothi ke nisemgama nikhahlele.

2. Yoba nguwe Mosis wedwa ke oya kuza kufika kum; abanye ke abo basale; ke wona umndilili awuyi kunyuka nokunyuka entabeni.”

3. UMosis ke wawugqithisela ebantwini loo mlomo kaNdikhoyo, ngokunjalo nemiyalelo. Ke amaSirayeli atsho ngazwi-nye athi: “Konke akuthethileyo uNdikhoyo siya kukwenza.”

4. UMosis wayibhala yonke imiyalelo kaNdikhoyo. Kusasa ngengomso wakha iqonga lamadini emazantsi entaba, waza wamisa ishumi elinambini leentsika zamatye ngokwezindlu ezilishumi elinambini zikaSirayeli.

5. Kamva ke wathuma abafana, baya kwenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo, babingelela ngeenkomo, benza amadini obudlelwana.

16-17. Baza ke ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bahlala phezu kwentaba iSinayi. KumaSirayeli kwakungathi ngumlilo ovuthayo apho phezu kwentaba. Ilifu elo layifukama intaba leyo iintsuku zantandathu, waza ngolwesixhenxe uNdikhoyo wabiza uMosis esefini apho.

Eyemfuduko 24