4. “Xa ubhaqe inkomo okanye idonki yotshaba lwakho ilahleka, yithathe uyigoduse.
5. Ukuba ubona umntu okuthiyileyo eqhuba idonki ebuthisayo isoyiswa ngumthwalo, sukumyekela; mncedise niyivuse.
6. “Musa ukugqwetha umthetho xa kuthethwa ityala lehlwempu.
7. Bucezele ubuqhophololo bokutyhola umntu ongenatyala, ungabi sisizekabani sokufa kwelungisa elimsulwa, kuba iqhophololo ndiyaligweba.
8. Sukuvuma ukunyotywa, kuba unyobo luyamfamekisa, luwawexule amalungisa.
9. Ungamcinezeli umbhaceli. Kaloku uyazi ukuba kunjani na ukuba ngumbhaceli, kuba wawukhe wangumbhaceli kwelaseJiputa.”
10. “Amasimi akho walime uwavune iminyaka ibe mithandathu.
11. Ke ngowesixhenxe wayeke alale. Into evelayo kuwo yoba yeyamahlwempu; eseleyo ke ibe yeyeenyamakazi. Yoba seso nakwisidiliya nesinquma sakho.
12. “Sebenza iintsuku zibe ntandathu, kodwa ngolwesixhenxe ungawuphathi umsebenzi, ukuze izicaka nababhaceli ngokunjalo nemfuyo yakho ifumane ikhefu ihlaziyeke.
13. “Wanyamekele amazwi endiwathethileyo kuwe. Ungazinquli *izithixo, ungaze uzikhankanye nokuzikhankanya oku.”
14. “Ndenzeleni itheko kathathu ngonyaka.
15. Ngenyanga uAbhibhi enaphuma ngayo eJiputa, yenzani itheko lesonka sentlama engenagwele njengoko ndaniyalelayo. Kwithuba leentsuku ezisixhenxe zeli theko ze nitye sona sodwa.“Sanukuza phambi kukaThixo ningaphathanga mnikelo.
16. “Yenzani itheko lolibo ukuqala kwenu ukuvuna.“Yenzani itheko lesivuno xa niqokelela iziqhamo zomsebenzi wenu emasimini.
17. Minyaka le ngexesha lala matheko mathathu amadoda makeze kundinqula mna *Ndikhoyo iNkosi yenu.
18. “Xa niphalaza igazi, nisenza idini, ze ninganikeli ngaxa-nye ngesonka sentlama enegwele. Ngala mathuba ke amanqatha edini elo makangabekwa mbeko.
19. “Minyaka le zisa ulibo lwesivuno sakho endlwini kaNdikhoyo uThixo wakho.“Uze ungaze ulipheke itakane lebhokhwe ngobisi lukanina.”
20. “Uyabona ke, ndiya kukuthumela isithunywa sam, sikulondoloze endleleni yakho, sikuse kuloo ndawo ndikulungiselele yona.
21. Uze usithobele, ungasivukeli, kuba simele mna; ibe ke asiyi kuba nalusini kulowo usivukelayo.