9. “Kuyo yonke imicimbi yembambano nokuba inxulumene neenkomo, iidonki, iigusha, impahla yokunxiba, okanye nantoni na elahlekileyo, abo babangisanayo mabasiwe esibingelelweni phambi kukaThixo. Lowo uthe wagwetywa ke nguThixo uya kumhlawula ngokuphindiweyo ogwetyelweyo.
10. “Xa abantu ababini begcinisene iidonki, iinkomo, iigusha, okanye nasiphi na isilwanyana, saza safa okanye senzakala, kungenjalo sibiwe, kungabikho ngqina,
11. umgciniswa lowo makaye kufunga esibingelelweni phambi kukaThixo ukuba umsulwa kule nyewe. Ukuba ke le mfuyo kubanjenwe ngayo ayibiwanga ngumgciniswa, umniniyo makaselexola, umgciniswa angayivusi.
12. Kodwa ke ukuba imfuyo leyo ibiwe nguye, makayihlawule.
13. Kambe ke ukuba kufumanisekile ukuba iqwengwe ngamarhamncwa, lo iqwengwe ikuye makezise ixhwayela, ibe bubungqina; xa kunjalo ke akayi kuyivusa.
14. “Ukuba ababini babolekene ngemfuyo, yaza ke yenzakala okanye yafa engekho umniniyo, lo ubebolekiwe makayivuse.
15. Kanti ke ukuba ebekho umniniyo, umbolekwa lowo akanakude ayihlawule. Phofu ke ukuba ibiqeshiwe kohlawulwa imali yengqesho yodwa.”
16. “Xa umntu one intombi nto engekabonwa lisoka, makayilobole batshate.