15. Kanti ke ukuba ebekho umniniyo, umbolekwa lowo akanakude ayihlawule. Phofu ke ukuba ibiqeshiwe kohlawulwa imali yengqesho yodwa.”
16. “Xa umntu one intombi nto engekabonwa lisoka, makayilobole batshate.
17. Ukanti ke xa uyise wayo engavumi ukuyendisela kuye, makakhuphe intlawulo elingana nekhazi lentombi.
18. “Ke lona igqwirha malibulawe.
19. “Umntu olala nesilwanyana makabulawe.
20. “Umntu obingelela nakwisiphi na *isithixo ngaphandle *kukaNdikhoyo makagwetyelwe ukufa.
21. “Ningaze nimphathe kakubi nimcinezele umntu obhacele kwelakowenu. Kaloku nani ngokwenu naningababhaceli kwelaseJiputa.
22. Ningaze nimphathe kakubi umhlolokazi nenkedama.
23. Ukuba niyenzile loo nto, mna Ndikhoyo ndiya kusiva isikhalo sabo,
24. ndikhathazeke, nina ndiniyekele nife emfazweni, ukuze abafazi benu babe ngabahlolokazi, abantwana bona babe ziinkedama.