Eyemfuduko 22:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Xa umntu ebe inkomo okanye igusha, waza wayixhela okanye wayithengisa, makahlawule iinkomo ezintlanu ngenkomo enye, aze ahlawule iigusha ezine ngegusha enye.

2. “Ukuba ngaba isela libhaqwe liqhekeza ebusuku, laza labulawa, akanatyala lowo ulibuleleyo.

3. Kambe ke ukuba le nto yenzeke emini, woba netyala lokubulala lowo ulibuleleyo.

4. “Into umntu ayibileyo makayihlawule. Ukuba kuthe kanti ungumntu ongenanto, makathengiswe abe likhoboka ukubuyekeza ubusela obo. Ukuba ke inkomo, idonki, okanye igusha, leyo ayibileyo, ifunyenwe kuye isaphila, wohlawula zibe mbini ngenye.

5. “Ukuba umntu uthe ebhuqisa intsimi yakhe yaza impahla yaphumela kweyomnye, umonakalo lowo makawuhlawule ngemveliso yentsimi yakhe.

6. “Xa umntu etshisa entsimini yakhe, waza umlilo lowo wanwenwela entsimini yomnye umntu, watshisa ukutya osekuvuniwe okanye okungekavunwa, loo monakalo mawuhlawulwe nguloo mntu uqale umlilo.

7. “Xa umntu egcinise omnye impahla ethile okanye imali, yaza ke yebiwa apho kuye, xa libanjiwe isela eliyibileyo liya kuyihlawula ngokuphindiweyo;

8. kanti ke xa lingafumaneki, umgciniswa lo uya kusiwa *esibingelelweni phambi kukaThixo, afunge ukuba ngenene le nto ibiweyo ayikho kuye.

9. “Kuyo yonke imicimbi yembambano nokuba inxulumene neenkomo, iidonki, iigusha, impahla yokunxiba, okanye nantoni na elahlekileyo, abo babangisanayo mabasiwe esibingelelweni phambi kukaThixo. Lowo uthe wagwetywa ke nguThixo uya kumhlawula ngokuphindiweyo ogwetyelweyo.

10. “Xa abantu ababini begcinisene iidonki, iinkomo, iigusha, okanye nasiphi na isilwanyana, saza safa okanye senzakala, kungenjalo sibiwe, kungabikho ngqina,

11. umgciniswa lowo makaye kufunga esibingelelweni phambi kukaThixo ukuba umsulwa kule nyewe. Ukuba ke le mfuyo kubanjenwe ngayo ayibiwanga ngumgciniswa, umniniyo makaselexola, umgciniswa angayivusi.

12. Kodwa ke ukuba imfuyo leyo ibiwe nguye, makayihlawule.

Eyemfuduko 22