31. Nokuba inkomo leyo ihlabe yabulala inkwenkwe okanye intombazana, logwetywa kwangaloo ndlela elo tyala.
32. Xa ke inkomo leyo ihlabe yabulala ikhoboka eliyindoda okanye elibhinqileyo, umniniyo wokhupha intlawulo yeesiliva ezingamashumi amathathu, ke yona inkomo leyo ixulutywe.
33. “Ukuba umntu ushiye umngxuma uvulekile, okanye umbe umngxuma akawugquma, kwaza kweyela inkomo noba yidonki kuwo, ummbi-mngxuma lowo
34. makayihlawule loo nto yeyeleyo, kodwa ke lona ixhoba elo loba lelakhe.
35. “Ukuba ke iinkuzi zeenkomo zabantu ababini zenzakalisene, yaza enye yazo yafa, aba babini mabathengise le iphilayo, ize ixabiso layo bahlulelane ngalo, ngokukwanjalo bahlulelane ngayo nale ifileyo.