Eyemfuduko 21:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. Xa indoda ithatha umfazi wesibini, mayingayeki ukumondla nokumnxiba nokumenza umfazi lo wokuqala.

11. Ukuba ayiwafezi la malungelo mayimkhulule angahlawulelwa.”

12. “Umntu obethe omnye wamenzakalisa wafa, makabulawe.

13. Kodwa ke ukuba umbulele ngengozi, makabalekele endaweni endiyimisele abasabi.

14. Kambe ke yena umntu obulele omnye ngolunya, nokuba angade abalekele eqongeni lamadini, makasuswe apho abulawe.

15. “Umntu ohlasela uyise nokuba ngunina, makabulawe.

16. “Umntu oqweqwedisa omnye aze amthengise okanye abanjwe esenaye, makabulawe.

17. “Umntu othuka uyise nokuba ngunina, makabulawe.

18. “Ukuba amadoda amabini axabene, yaza enye yabetha ngelitye okanye ngenqindi yayenzakalisa leyo ibisilwa nayo, kwaza kwafuneka ukuba khe ilale ngandletyana-nye,

19. ukuba ibuye yakwazi ukuhamba-hamba isimelela, mayingohlwaywa le yenzakalisileyo, nto nje mayihlawule eli xesha liyilahlekeleyo ngokulala igula, futhi iyinyange ide iphile.

20. “Ukuba umntu ulibethe ngentonga ikhoboka lakhe eliyindoda noba libhinqile, laza lafa ngoko nangoko, makohlwaywe.

Eyemfuduko 21