19. Abhekisa kuMosis, athi: “Mayibe nguwe othetha nathi; siya kukuva. Mayingabi nguThixo ngokwakhe othetha nathi, hleze sife.”
20. UMosis wathi ebantwini: “Sanukoyika, kuba uThixo uyanivavanya nje, khon' ukuze nihlale nimhlonele, ningawexulwa kukona.”
21. Kambe ke abantu bona bahlala bechasele, àbavuma ukusondela, yanguMosis yedwa okufuphi kwelo lifu limnyama lingumqondiso wobukho bukaThixo.
22. *UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: “Yithi kumaSirayeli: ‘Ngoku ke nindivile, mna Ndikhoyo, xa bendithetha nani ndisezulwini.